Uloliwe
From Wikipedia, the free encyclopedia
Uloliwe yingqokolela yeenqwelo mafutha ehamba ngaphezu kwendlela eyenzelwe yakhe. Iinqwelo mafutha ezikule ngqokolela zibizwa ngokuba zii-moto (e-United States) okanye zii-wagons (e-United Kingdom). Amaxesha amaninzi, abantu bazibiza ii-Coaches okanye amakhareji ezo ngqokolela zithwala abantu. Indawo apho uloliwe ama kuyo ukuze akhwelise okanye ehlise abantu ibizwa ngokuba sisitishi sikaloliwe. Ololiwe bamandulo babesebenzisa amandla ehashe kwaye babebaleka kwimizila eyenziwe ngeenkuni okanye nge-iron. ezi ke zazisetyenziswa ngamaxesha e-Middle Ages. Oololiwe bokuqala ababehamba ngamalahle bakhiwa eNgilane kwumnyaka wenkulungwane ye-19.
Oololiwe baneematshini abarhuqwa ngazo (isenokuba iyazihambela okanye ihamba ngomatshini) kwaye banemoto enye nangaphezulu. Le ndawo irhuqa uloliwe okanye injini kaloliwe (intloko kaloliwe) itsala uludwe lweemoto olusemva kwayo. Abanye oololiwe banokala ngokungathi luhlobo olulodwa lwebhasi tolunokuqhutywa kuphela kumzila woololiwe. Oololiwe basetyenziselwa ukuthwala abantu, njenge-cargo, njengeempahla ezithwalwa ziinqwelo ezihamba ngamafutha, xa zingeniswa/zikhutshelwa ngaphandle, njalo njalo.